Über Ezingaqhelekanga
INGCACISO
Le mibongo ibhalwe apha iguqulelwe yasiwa esiXhoseni.
Ithatyathwe kwezi ncwadi; Strange Things; When Rains Come;
Dancing With Hyenas; The Last Chapter, kwakunye neminye
engekapapashwa. Yonke ibhalwe yaguqulwa nguMzi Mahola.
Lo kaMahola uthi le ncwadi lizibulo lakhe ekubongeni, kodwa isimbo sidiza ukuba ungumakad' enethwa kubhalo lwencwadi. Umbhali lo usebenzisa uthetha-thethwano ukutsala umdla kumfundi. Mve xa esithi, "Uvela phi ezinzulwini zobusuku?" Kwisithandwa sam. "Ngoku?" Le mbongi igxila ngokufihla isithethe ngamava ayo entlalo yobomi. Esi sakhono sivela xa esithi, "Ethwel' ubhaka emqolo Okwenyosi ivela kuhlangula." Yiva kwakhon' intsingisel' efihlakeleyo xa esithi, "Iinkowan' ezinetyhefu zintshula phantsi kwamabunga." Uthi akuntyuntya ngeentaba zebhukazana angabi nako ukuzikhwebula kwiinkumbulo zobuntwana. Uzoba ubume beentaba, izilwanyana, ubomi nobuntwana ade azive umfundi engene tshwa kwawakhe amava amandulo. Kukwanjalo xa abona ukuvuthuluka kwezakhiwo zexabiso kwisikolo awayefunda kuso. Ude athi kumthandazo wakhe, "Bawo sixolele, sasingazi ukuba sityala intshabalalo." Ungathabatheka xa umva esithi, "Ibali elityhafileyo liyabuna emlonyeni wegangxa." Unyanisile kuba kwimibongo yakhe umfundi akasayi kozela alale. Sinethemba lokuba le ncwadi iza kwengeza kuncwadi olukhoyo lwesiXhosa, yaye iza kuvuselela ubhalo nofundo lolwimi lwethu. NguMbulelo Nzo
INTSHAYELELO
UMzi Mahola uzenzele igama ngokuthi abe ngomnye wababhali
baseMzantsi Afrika abaziwayo ehlabathini. Le ncwadi ayibiza
ngegama elithi, "Ezingaqhelekanga," lilinge elingaqhelekanga
lokubona umbhali eguqulela umsebenzi wakhe kolunye ulwimi
ukuze ube licham nakwisizwe sakowabo esilwimi lusisiXhosa. Phantse iminyaka yaba ngamashumi amane uMzikayise Mahola,
obhala phantsi kwegama elinguMzi, ebhala imibongo ngolwimi
lwesiNgesi. Incwadi yakhe yokuqala yemibongo ethiywe ngegama
elithi, "Strange Things" yonyulwa ukuba ibe yenye yezo zaya
kumela uMzantsi Afrika kumboniso weencwadi zehlabathi
eGeneva ngowe-1995. Enye incwadi yakhe esihloko sithi, "When
Rains Come" yaphumelela iwonga elibizwa ngo-Olive Schreiner
ngowama-2000 ukuya kowama-2001. Waphinda wabhala
enye, nayo eyemibongo ethi, "Dancing in the Rain," kwaza
kwalandela ethi, "Last Chapter." Eminye yemibongo kaMahola
yaye yaguqulelwa kwiilwimi ezintandathu (6) ezizezi: IsiJamani,
isiTurkey, iSpanish, Norwegian, Danish kwanesiMalayalam sase
Indiya. Eminye imibongo imana ifakwa liSebe lezeMfundo ukuba
ifundwe ngabafundi besiGaba se-11
Mehr anzeigen